About Features News Sport Analysis Editorial Culture Podcasts

Ukucotha kokuphuculwa kwehambo ngoololiwe eKapa

Abakhweli bayabathanda aba ‘loliwe babantu’ batsha kodwa kusafuneka bejamelene nengxaki yokucotha nokungafiki kwabo, imiba yokhuseleko nomsindo wabaqeshi bakufika emva kwexesha emisebenzini.

Author: loading...

16 May 2022

29 April 2022: Damaged cables dangle at Khayelitsha Station. Photographer: Barry Christianson

Yaguqulelwa nguPhindie Ndamase

USharone Daniels uphuma kwikhaya lakhe eliseOcean View, malunga nama-40 eekhilomitha ukusuka kumbindi wesixeko seKapa, ngecala emva kwentsimbi yesithandathu kusasa ukuze angalibaziseki kukuxinana kweenqwelomafutha ezindleleni kwaye afike ingabethanga intsimbi yesixhenxe kwisikhululo sikaloliwe iFish Hoek. Ukusuka apho, eyokuba uyakufika ngabani na ixesha eKapa, apho axelenga khona, ayaziwa mntu.

Ngomhla wama-22 KuTshazimpunzi (Epreli), ufika kwesi sikhululo sikaloliwe emva kwentsimbi yesixhenxe ukuze akhwele owemizuzu eli-10 emva kweyesixhenxe, kanti lo loliwe amleqayo ulibaziseke ngemizuzu engama-20 ngenxa yenkqubo yonkinkisho lombane eqhutywa ndawo yonke eMzantsi Afrika. Abakhweli abanxibe iminqwazi needyasi ngenxa yengqele yale ntsasa bangungelene ndaweninye.

Balinde ngexhala ngaphandle kwesikhululo. Ibakungona abakhweli baqala ukuthenga amatikiti bakuthi tshe! uloliwe esiza. Abaninzi bawathenga loo matikiti akufika kubo uloliwe, nanjengoko sebekhe batshonelwa yimali ngaphambili. Amatikiti eveki nawenyanga awasathengiswa nokuthengiswa ngenxa yokungathembeki kwale nkqubo yothutho. UDaniels nabanye abakhweli bayakhwela, belungiselela ihambo yabo.

22 AEpreli 2022: USharone Daniels uhlala eOcean View kwaye ukhwela uloliwe kwisikhululo saseFish Hoek ukuya kumbindi wesixeko.

UDaniels, nosebenzela imanyano yabasebenzi eKapa, uthi oko kuphinde kwabuyiswa oololiwe kumzila iSouthern Line KweyoMqungu (Janyuwari), izinto ziphucukile. Kodwa asekho amagingxigingxi. Uthi, “Kungcono kakhulu. Hayi ncam! kodwa kuyancomeka. Ezi zindala zisasokolisa. Kukho namaxa apho kuye kufuneke sehle esithubeni, sihambe ngenyawo, sikhwele neebhasi ukuya edolophini. Sinalo neqonga labakhweli esinalo kuWhatsApp elisincedisa kakhulu. Noxa kunjalo ke alisongeli mali.”

NgokweSebe Lezothutho nabeArhente yolawulo lweenkonzo zikaloliwe kweli iPrasa, eyona miba iyingxaki kukonakaliswa kweziseko nokubiwa kweentambo zombane. Phambi kokumiswa ngxi! kweentshukumo kweli kukhe kwakho izehlo zokuhlaselwa koololiwe bakwaMetrorail. Ukuqala kwale nkonzo kwakhona ngomhla wama-28 KweyoMdumba (Febhuwari), aba loliwe batsha basebenza kumzila iSouthern Line ngexesha likaxakeka. Babizwa “oololiwe babantu”, banempepho yomoya etsho kamnandi, baanezitulo ezintofontofo neekhamera zokhuseleko.

Iindleko, intembeko nokhuseleko

Ngo-8.36 kusasa, lo loliwe uyafika kwisikhululo iRosebank. Kukho abanye abakhwelayo, bahlale phantsi. “Banengxaki kengoku ngenxa yonkinkisho lombane,” kutsho uDaniels. “Isalathisi sithatha ithuba ukuqalela ukusebenzi. Sinobudlelane nje bokuxhaphazana phakathi kwethu noPrasa noMetrorail, phofu norhulumente ngokubanzi. Ezinye iintsuku ziyanyamezeleka kunezinye.

“Aba loliwe badala bathatha ixesha elide ukufika edolophini. Kodwa ke nhoko owam umqweshi yena uyaziqonda iingxaki zikaloliwe. Elona xesha ndikhe ndalibaziseka ngalo ukufika emsebenzi yintsimbi yeshumi kusasa. Amaxesha amaninzi ndifika ngentsimbi yethoba okanye ngecala emva kwayo. Nawe uyazibonela ixhala ebantwini. Ayilunganga le nto, kodwa ke sisonke. Kumele abaqeshi bavelane nabantu, kodwa bavela baxelele abantu ukuba mabatshintshe amaxesha okuphuma emakhaya.”

Emva kokuhamba usima ngenxa yeengxaki zonxibelelwano, uloliwe ubonwa ungena ngo-8.45 kusasa kwisikhululo iSalt River. Xa bengahambi kwaukuhamba izinto zibambi nangakumbi kuDaniels. Le nto ke yenzeka kakhulu ngamaxesha e-loadshedding. Kumtyabula i-R50, iiyure ezininzi neeteksi ezintathu ukuyakufika edolophini – ayiphinde yonke lo nto kwakhona xa egoduka emalanga. Itikitiki lebhasi yakwaGolden Arrow akhwela ngalo kalishumi lona limtyabula i-R224, ngelixa elinye liyi-R46. Ixabiso letikitiki likaloliwe lona lingaphantsi nakune-R10. UDaniels uthi, “Ndithenga itikiti elinye kuba awuyazi kungenzeka ntoni ngomso.

29 Epreli 2022: Isikhululo saseKhayelitsha asisebenzi okwalo mzuzu.

“Ndikhetha kwaukukhwela uloliwe, nangona usixhaphaza nje, kuba ke andizithandi ncam! iiteksi. Eteksini ukhwela nabo nabantu abangama-22. Ibhasi yakwaGolden Arrow isekwayiyo ethembekileyo, nangexesha le-lockdown. Nhoko nayo ayityabuli kangako.”

UDaniels uthi intembeko nokhuseleko koololiwe iseyingxaki enkulu. “Edolophini, ngamany’ amaxesha uvele nje ungayazi. Akusancedi nokubuza amagosa ngeenkcukacha kuba ekuphela kwento ayithethayo yeyokuba, linda isaziso. Ngeny’ imini sithe sisalinde eso saziso, wavele wahamba uloliwe. Bashiyeka abantu abaninzi bemi apho.”

Ukhumbula esinye isehlo esothusayo ekuqaleni kwalo nyaka. “Seva izithonga ezikhulu kwaye awuyazi nokuba zezemipu okanye kwenzeka ntoni. Kwelinye icala kugityiselwa uloliwe ngamatye. Kamva ndathetha nomqhubi wathi ukuba ngela xesha wayethe wavula ifestile, la matye ngewamchana ebusweni. Iyoyikisa nje yonke le nto. Kubi maan.”

Ibali lomkhweli

UMojacera Meroro yena uhlala eMuizenberg kwaye ukhwela eClaremont xa ephangela. Uthi, “Ngamany’ amaxesha ufika apha bekuxelela ukuba uloliwe uzakufika emva kwexesha, ubesengxakini kengoku. Ingakumbi xa kukho i-loadshedding. Andinakutsho nokuba izinto ziyaphucuka kuba kuyafana nje.”                                               

ULucille Smith ohlala eRetreat yena uphangela eMowbray. Uthi aba loliwe abasagcwali ngohlobo ababedlangokugcwala ngalo. Uthi, “Xa kungathi kukhuselekile ndisebenzisa yona. Ngamany’ amaxesha ayifiki nangexesha. Kuvele kulibaziseke yonke nje into, ngamanye amaxesha ingabikho nokubakho, kubeyimbambano nje. Kumosheke intsasa yakho yonke. Ewe kona yeyona ndlela ilula yokuhamba xa uthelekisa nogxalathelwano lweemoto ezindleleni. Kumnandi ke ukuhamba nangaba loliwe batsha.

“Eyona nto ndiyithandayo ngaba loliwe ngoku kukuba akusekho MetroPlus, nguloliwe kawonkewonke. Andiqondi ukuba abantu banganengxaki yokuhlawula imali elinganayo, ndicinga ukuba le nkqubo ngunobangela wokungaqhubi kakuhle kwaba loliwe ngaphambili. Le nkqubo ingcono kakhulu ngoku. Ingxaki kwaba loliwe badala ikwazizitulo ezikrazukileyo. Bendicinga ukuba kule minyaka mibini ye-lockdown zizakulungiswa.”

29 Epreli 2022: Indawo yokulinda ekhal’ibhungane kwisikhululo saseKhayelitsha.

USonja de Bruyn yena uhlala eSteenberg. Uthi kukho amaxa apho lo loliwe avele ame nje, kufuneke behle. “Ukuma nje kungabikho mntu uthetha nto ibeyeyona ngxaki. Kodwa konke ngoku akusafani, kungcono kuneminyaka edlulileyo.”

Uthi ukhuseleko nhoko ngoku luphucukile, ingakumbi kwaba loliwe batsha. “Kule minyaka idlulileyo ndikhe ndaphangwa ngokuxhwilwa kwemfonomfono yam esandleni. Njengokuba ngoku kukho unogada nepolisa ngaphakathi kuloliwe nhoko ndiyancoma. Ndikhwela kwisikhululo saseSteenberg ndiye ngqo! edolophini. Ixesha olithathayo yiyure kuphela. Ndiyonga.”

Ude wafika uloliwe kwisikhululo saseKapa ngo-8.57 kusasa, phantse iiyure ezimbini nesiqingatha emva kokushiya kukaDaniels ikhaya lakhe. Abakhweli bayagxalathelana ukwehla beleqa emisebenzini. Abanye babo baphinda badibane emva kwemini xa begoduka.  

Ifuthe lale meko

Xa uDaniels ephuma emsebenzini ngo-4.30 emalanga, uphinda afikelwe lelinye ixhala. Uyoyika ukuphuma edolophini sekurhatyele, ingakumbi ebusika xa kurhatyela ngokukhawuleza. Maxa athile uye acele ukuphuma phambi kwexesha likatshayile.

Uthi, “Kukho iindawo ezithile eOcean View ezingakhuselekanga kubahambi ngeenyawo ngenxa yezehlo ezixhaphakileyo zodubululwano.” Ikhaya lakhe likude kunalapho iteksi imothula khona.

29 Epreli 2022: UNotsukumentse Tshaka uthengisa ngaphandle kweofisi yamatikiti kwisikhululo saseKhayelitsha. Nangona besekho abantu abadlula apha nanjengoko besebenzisa ibhulorho elapha ukuwela lo mzila kaloliwe, ishishini lakhe alisahambi kakuhle.

Ngelixa umzila iSouthern Line uzama ukubuya kancinci, kwiCentral Line kona isathe nkcwe! Izikhululo ezintathu iKhayelitsha, iKuyasa nesakwaLanga azikabinanto yenzekayo ngaphandle nje koonogada abambalwa namahobe azenzele ikhaya kuzo. Abantu nabo ngoku sebeqalisa ukutyhuthula iziseko zemizila ekwiindawo ezikufutshane nesikhululo iKuyasa ukanti nokubiwa kweentambo zombane ngoku sekuyingxaki exhaphakileyo. Umzila iCentral Line wona ulungiswa ngokwezigaba, esokuqala sesomzila osuka kwaLwanga usiya eNyanga nekulindeleke ukuba sigqitywe ekupheleni kweyeKhala (Julayi).

Abathengisa ngakwisikhululo saseKhayelitsha nabo bachaphazelekile. UNotsukumentse Tshaka uneminyaka eli-15 ethengisa kule ngingqi. Uthengisa izimuncumuncu, iminqwazi nezimfonyo. Uthi, “Ngethuba oololiwe babehamba kakuhle ishishini lakhe laliqhuba kakuhle. Ekuyekeni koololiwe ukuhamba kule minyaka kubenzima ukuthengisa. Kuye kwanyanzeleka ukuba ndiyokuboleka imali ukuze ndithenge izinto endinokuphinda ndizithengise. Kunzima. Ndingavuya kakhulu ukuba ndinokubona oololiwe bebuya kwakhona kuba lo nto iyakuthetha ukuba sibuyela kushishino kwakhona. Abantu ngoku babuyela ezibhasini kwaye amatikiti ebhasini awafikeleleki ncam! nabantu abanamali yokuwathenga.

Umhlahlandlela

Kutshanje imiba ephathelele kuhambo ngololiwe ingundabamlonyeni. Isixeko seKapa sibhengeze izicwangciso zokwenza uphando ngokunatyiswa kweenkonzo zothutho ngololiwe.

KweyeSilimela (Juni) ngonyaka ka-2019 oololiwe bakwaPrasa babeneehambo ezingama-444 ngosuku lwaphakathi evekini. Kulo nyaka zingaphantsi kwe-153 iihambo zikaloliwe ezenziwa yile arhente kwesi sixeko ngolu suku, neziphinguke ngama-66 ekhulwini. La manani avezwe ngabakwaPrasa kwingxelo yabo phambi kweKomiti ejongene nemiba yeSebe lezoThutho nemiSebenzi yoLuntu kwindlu yowisomthetho yephondo iNtshona Koloni nebichophe ngoFebhuwari ngeliqwalasela imiba yothutho ngololiwe kweli phondo.

29 Epreli 2022: Umzila kaloliwe ongasasebenziyo kwisikhululo iKuyasa.

USodolophu wesixeko seKapa uGeordin Hill-Lewis uthe isicwangciso sesi sixeko sokunabisa iinkonzo ngemizila kaloliwe sijolise kwihambo elula kubakhweli. Kodwa kanye emva kwesi sibhengezo, uMphathiswa wezoThutho kweli uFikile Mbalula ugxininise ukuba nguye kuphela onegunya lokuphumeza izicwangciso zokunatyiswa kwezi nkonzo. Kwinyanga kaMeyi uMbalula uphinde wabhengeza umtheth’ oyilwayo nomgaqonkqubo wezemizila kaloliwe kweli, nophunyezwe kutshanje yiPalamente.

Obambe njengesithethi sakwaMetrorail kwiphondo iNtshona Koloni uNana Zenani uthi le nkampani ineentlobo ezahlukileyo zothutho ezithungelanayo. “Isixeko ngasinye sizama kangangoko ukucutha ihambo ngendlela. Ukwenza oko ke kufuneka kuxhaswe ihambo yoluntu ngoololiwe, nokuyeyona ndlela ifikelelekayo ngokwexabiso.” 

29 Epreli 2022: Ityhuthulwe yaphela indawo yokulinda kwisikhululo iKuyasa eKhayelitsha.

READ THE ORIGINAL ARTICLE IN ENGLISH:

If you want to republish this article please read our guidelines.
+ posts