About Features News Sport Analysis Editorial Culture Podcasts

Abahlali abasisifu ngumsindo bathi ukuvota sekwabalilize

Njengokuba uMzantsi Afrika ujonge kunyulo loorhulumente basekhaya ngomhla wokuqala KweyeNkanga (Novemba), abahlali abangonwabanga koomaspala abambaxa iTshwane nase-Ekurhuleni bathi abanasizathu sis…

Author: loading...

4 October 2021

Phantse sekuyiminyaka emibini ngoku sukela izantyalantyala zamanzi zakhukhula amakhaya abahlali baseSeven Seven, kwindawo yoogob’ ityholo iBuffer Lake 77 cebukuhle umlambo iMoretele kwingingqi iMamelodi ePitoli.

Abanye baba bahlali sebeneenyanga ngoku behlala kwisakhiwo secawa ekule ngingqi, ngelixa abanye bezame ukwakha amakhaya abo ngokutsha. Nangona abambalwa befuduselwe kwiindawo ezifana neMooikloof, uninzi lusahleli ngoloyiko kweli thambeka, belinde ukuzalisekisa kukamaspala wabo isithembiso santlandlolo sokubakhela izindlu eziphucukileyo kwenye indawo.

Kwiphulo lakutsha-nje lokhankaso eMamelodi, amalungu emibutho ethile yezopolitiko anyevulelwe ngabahlali bale ndawo ngenxa yokuba efuna ukupolitika ngezikhukhula zale ndawo yabo. Umhlali wale ngingqi uOfentse Matibela onamashumi amane nantandathu (46) iminyaka ubudala uthi “Bebefuna ukupolitika ngale ngxaki yethu, [besithi] ‘iANC ayenzanga oku nokuya, kodwa thina  singathi’,” uqhube ngelithi, “Kutheni kufuneka sibakholelwe ngoku? Ngomphi usopolitiki ongenabuqhophololo?”

“Khona, sibafunela ukuba bathini aba bantu? Behleli nje balwa nabahlali ezinkundleni zamatyala. Behleli nje bahamba namafanankosi kungenxa yokuba babulalana kwabodwa, babe bengabenzeli nto abahlali. Aba bantu ke ikwangaba bebetyunjwe kwangabahlali. Babolile aba bant’ waba. Abayaziyo kukuba le mali, beyirhwaphiliza egameni lethu.”

UMatibela uthe oosopolitiki bazinika ixesha nemali yokusondela eluntwini kuphela xa sekusondelke ixesha lolonyulo. Uthi, “Xa befuna ukunikezela ngezikipa zasimahla, bayangena emizini yodaka ehlala ooMhakhulu. Soloko bephethe izinto zasimahla endaweni yezisombululo. Abakwazi nokusondela kuthi ngolwazi ngezigonyo, kodwa xa befuna ukusinika izikipa zasimahla bafikelela nasekupheleni kweelokishi zethu.”

UMatibela waleke ngelithi, abavoti ngoku abasafunikumamela zithembiso zobuxoki ezenziwa yimibutho yezopolitiko. Uthi, “Niyakwaz’ ukwenza izithembiso xa kufuneka nifumen’ iivoti zethu, kodwa xa sekufuneka nisebenzile niyanyamalala. Ukuba anizukuzizalisekisa izithembiso zenu, sakudiban’ evotini.”

Ukujong’ enkalweni

Abantu baseSeven Seven baafika kweyeThupha (Agasti) ngonyaka ka-2015, bazakhela amatyotyombe bezama iindawo zokuhlala ngaphandle koncedo lukarhulumente. Abanamanzi, abanambane kwaye bajamelene nendlala nokwanda kwentswelangqesho okubangelwe ludendo lwabanye babo emisebenzini, ukulahlekelwa yimisebenzi ngenxa yobhubhane iCovid-19 nokumiliselwa kwenkqubo yokumiswa ngxi! kweentshukumo zeli (LOCKDOWN).

Lo mhlali besikhe sathetha naye uMatibela uphinde wathi “Xa urhulumente ebona uluntu luzenzela izinto ezinje [abantu bezizamela], uvele acinge ukuba akabonelwa ntweni.” Uqhuba athi “Saabavumela ukuba basincede, kodwa eyonanto bayenzayo kukusimosha besixokisa kuba siselapha nanamhlanje. Uhlaselwa ngubhubhane, kodwa usahlala ematyotyombeni, awuphangeli, ubanjisw’ isisila sehobe.

“Ndingawuvumela njani umbutho ondidanise iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubuyele elulawulweni? Siphethwe ngamaxoki asixokisela roqho! esixelela ukuba masivotele ubomi obungcono. Buphi ke ubomi obungcono apha?”

Emva kwezikhukhula ezihlasele eMamelodi kweyoMnga (Disemba) ngo-2019, iNkulubaphathiswa yephondo iGauteng uDavid Makura yandwendwela le ngingqi ithembisa abaalahlekelwa ngamakhaya ngokubafudusela kwenye indawo. Kodwa uMatibela uthi kunangoku usalinde ukunikwa isiza esisesakhe anokufuduselwa kuyo. Njengokuba iimvula zehlobo zilindelekile kwakhona, abahlali bale ndawo bahleli ngoloyiko nanjengoko benokugutyungelwa zizikhukhula kwakhona.

“Kushiyeke iinyanga [ezimbini] phambi kokuqala kukaDisemba, kwaye ngoku kuyabonakala abantu bazakuchitha iKrismesi ngethemba lokuba ezi mvula zingani kwakhona.” Waleke ngethi “Kule meko kunzima nokwenza izicwangciso, awukwazi nokuthenga nefenitshala. Ulindele oku kufuduswa kwaye akukhonto unokuyenza ungazazi nokuba wenza izicwangciso ezikumila kunjani.”   

“Aba bantu [oosopolitiki] basebenzela thina. Sibavotela ngokwethu, kodwa asiziqondi amandla esinawo. Kanye ngala ndlela baandilanda ngayo besithi mandicenge abahlali bayeke ukonakalisa iziseko, sizakubuyela eluntwini sithi ngoku, mabenze into ezakukholisa bona endaweni yokulindela nantoni na kurhulumente. Ngoku sizakuchitha uDisemba apha kwaye sizakwabelana ngoko kuncinane sinako, njengoko siqhele ukwenza.”

Akukho sizathu sakuvota

Usihlalo weqela loomatheng’ ethengisa eMamelodi uMary Choma uthi izithembiso ezingazalisekiswayo zikhokelela kugxeleshwano phakathi kweenkokheli ezifana naye nabanye abathengisi.

Uthi “Njengeenkokheli singabona bantu baxhatshazwa kakhulu. [Oosopolitiki] Benza izithembiso abajika bangazizalisekisi siphele sisilwa nabathengisi. Baxelela abathengisi ukuba benza oku nokuya ngelo xesha abenzi nenye, bajike babakhombise kuthi ukuba siphendule ezo nto.”

UChoma uvotile kunyulo olugqithileyo kodwa kulo mjikelo uthi akawubek’ owakhe umcondo ngomhla wokuqala KweyeNkanga (Novemba). Uthi “Andibaboni besenzela nto abezopolitiko singabathengisi. Andiboni luncedo nankqubela phambili. Endaweni yokusinceda, bayasixhaphaza kwaye bayasingcungcuthekisa. Bayasifownela, basithumelela imiyalezo (ngemfonomfono), ngelo xesha thina xa sibafun’ apha, abasincedi nganto. Banceda iipokotho zabo kuphela. Abona bahluphekayo, behlupheka nje kungenxa yabo [oosopolitiki]. Akukho kwanto iphucukileyo bayenzayo.”

Related article:

ETembisa kumaspala wase-Ekurhuleni, umhlali uGabisile Nyathi onamashumi amabini nesibhozo (28) iminyaka ubudala akaziqondi ukuba uzakuvota. Uthi “Njengokuba uzibonela, ulutsha aluphangeli. Andiboni sizathu sakuvota kuba akukho nto basenzela yona. Sizihlel’ aph’ elokishini. Baqeshana bodwa bangasihoyi nokusihoya xa kuvela imisebenzi.”

Waleke ngelithi “Sendisoyikisela nokuba abantwana bam ngoku bazakuphila le mpilo inye. Andikaphangeli nangoku. Akukho kwanto itshintshayo. Ndikhe ndabona iANC ne-EFF [zikhankasa]. I-ANC ibingena umzi nomzi ibuza ngezikhalazo abantu abanazo. Nokuba sesibaphendula, soloko siphindaphinda into enye, kungatshintsi nto.

Ukuqeshana ngokwazana

UKhanyisile Mashele onamashumi amathathu (30) iminyaka ubudala ohlala eMayfield Ekurhuleni nabantwana bakhe abathathu yena ukubhalisele ukuvota. Yena uthi “Ukuba andivoti, ezi zinto zisezakuqhubeka nokwenzeka.”

“Ininzi into esijongene nayo aph’ eMayfield. E-Extension 5, izitrato zihleli nje zigcwel’ ilindle. Xa kukho imisebenzi, sibona ngabantu sebeqeshiwe, akukho nto siyixelelwayo thina bantu bahlala apha.

Umhlali waseDaveyton uLawrence Madonsela oneminyaka engamashumi amathathu nantandathu (36) ubudala, wayesakuxelenga phantsi kwephulo lezicwangciso zophuhliso  kumaspala wase-Ekurhuleni iLungile Mtshali Development Plan, inkqubo yokucocwa kwezitalato, ii-drain, amangcwaba, iipaka nezakhiwo zikamaspala. Uphakathi kweqela labasebenzi abaaqeshwa ngo-2014 baze bagxothwa ngokungekhomthethweni ngo-2015.

UMadonsela, nongabhaliselanga kuvota, uthi amalungu eli qela ababhalisele ukuvota athi awazukuyivotela iANC.

Ude athi “kungcono sivotele omnye umbutho kuba kufuneka sisuse le Apartheid National Corruption,” ebhekisa kwiANC. “Basivise kabuhlungu kakhulu kwaye abasikhathalele.”

UMadonsela waleke ngelithi “Asifumani nezo R350 [zisisibonelelo sikarhulumente] ngoba kaloku iSebe lezabaSebenzi lithi sisabhaliswe njengabasebenzi benkampani ethunga impahla [kamaspala] ngelo xesha andisaphangeli.”

Read the original article in English:

If you want to republish this article please read our guidelines.
+ posts